Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 6:49-54 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

49. Ke uAron noonyana bakhe babeqhumisela esibingelelweni sedini elinyuka yo, nasesibingelelweni sesiqhumiso, bengabomsebenzi wonke wengcwele kangcwele, bacamagushèle amaSirayeli, ngokoko konke wawisa umthetho ngako uMoses, umkhonzi kaThixo.

50. Ngabo aba oonyana baka-Aron: nguElazare unyana wakhe, nguPinehasi unyana wakhe, nguAbhishuwa unyana wakhe, nguBhuki unyana wakhe,

51. ngu-Uzi unyana wakhe, nguZeraya unyana wakhe,

52. nguMerayoti unyana wakhe, nguAmariya unyana wakhe, nguAhitubhi unyana wakhe,

53. nguTsadoki unyana wakhe, nguAhimahatse unyana wakhe.

54. Ngawo la amakhaya abo ngokweengqili zabo, emideni yabo, ezoonyana baka-Aron, ngokwemizalwane kaKehati;

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 6