Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 6:30-45 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

30. nguShimeha unyana wakhe, nguHagiya unyanawakhe, nguAsaya unyana wakhe.

31. Aba ngabo wabaphathisayo uDavide ingoma endlwini kaYehova, kususela koko yaphumlayo ityeya.

32. Balungiselela ngengoma phambi komnquba oyintente yokuhlangana, wada uSolomon wayakha indlu kaYehova eYerusalem; bema ngokwesiko labo enkonzweni yabo.

33. Aba ngabo bema noonyana babo. Kubo oonyana bakaKehati nguHeman imvumi, unyana kaYoweli, unyana kaShemuweli,

34. unyana kaElikana, unyana kaYeroham, unyana kaEliyeli, unyana kaToha,

35. unyana kaTsufi, unyana kaElikana, unyana kaMahati, unyana ka-Amasayi,

36. unyana kaElikana, unyana kaYoweli, unyana ka-Azariya, unyana kaZefaniya,

37. unyana kaTahati, unyana ka-Asire, unyana ka-Abhiyasefu, unyana kaKora,

38. unyana kaItsare, unyana kaKehati, unyana kaLevi, unyana kaSirayeli.

39. Ke umzalwana wakhe uAsafu wema ngasekunene kwakhe: uAsafu unyana kaBherekiya,

40. unyana kaShimeha, unyana kaMikayeli, unyana kaBhahaseya,

41. unyana kaMalekiya, unyana kaEteni,

42. unyana kaZera, unyana ka-Adaya, unyana kaEtan, unyana kaZima, unyana kaShimehi,

43. unyana kaYahati, unyana kaGershom, unyana kaLevi.

44. Abazalwana babo, oonyana bakaMerari, bema ngasekhohlo: uEtan unyana kaKishi, unyana ka-Abhedi, unyana

45. kaMuluki, unyana kaHashabhiya, unyana ka-Amatsiya, unyana kaHilekiya,

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 6