Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 6:26-35 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

26. KuElikana: oonyana bakaElikana nguTsofayi unyana wakhe, noNahati unyana wakhe,

27. nguEliyabhi unyana wakhe, nguYoram unyana wakhe, nguElikana unyana wakhe.

28. Oonyana bakaSamuweli nguVashni amazibulo akhe, noAbhiya.

29. Oonyana bakaMerari nguMaheli, nguLibheni unyana wakhe, nguShimehi unyana wakhe, ngu-Uza unyana wakhe,

30. nguShimeha unyana wakhe, nguHagiya unyanawakhe, nguAsaya unyana wakhe.

31. Aba ngabo wabaphathisayo uDavide ingoma endlwini kaYehova, kususela koko yaphumlayo ityeya.

32. Balungiselela ngengoma phambi komnquba oyintente yokuhlangana, wada uSolomon wayakha indlu kaYehova eYerusalem; bema ngokwesiko labo enkonzweni yabo.

33. Aba ngabo bema noonyana babo. Kubo oonyana bakaKehati nguHeman imvumi, unyana kaYoweli, unyana kaShemuweli,

34. unyana kaElikana, unyana kaYeroham, unyana kaEliyeli, unyana kaToha,

35. unyana kaTsufi, unyana kaElikana, unyana kaMahati, unyana ka-Amasayi,

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 6