Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 5:5-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. nguMika unyana wakhe, nguRehaya unyana wakhe, nguBhahali

6. unyana wakhe, nguBhehera unyana wakhe, owafuduswa nguTigelate-pilenezere, ukumkani waseAsiriya; nguye obesisikhulu samaRubhen.

7. Abazalwana bakhe, elowo ngokwemizalwane yakhe, ekubhalweni emilibeni yokuzalwa ngokweenzala zabo: iintloko ibingooYehiyeli noZekariya,

8. noBhela unyana ka-Azazi, unyana kaShema, unyana kaYoweli, obehleli eArohere, wesa eNebho naseBhahali-mehon.

9. Wahlala ngasempumalanga, wesa entlango ethabathela emlanjeni ongumEfrati; ngokuba imfuyo yabo yayandile ezweni laseGiliyadi.

10. Ngemihla kaSawule benza imfazwe namaHagari; awela esandleni sabo. Bahlala ezintenteni zawo, ngecala lasempumalanga lonke laseGiliyadi.

11. Ke kaloku oonyana bakaGadi bahlala malungana nabo ezweni laseBhashan, besa eSaleka;

12. nguYoweli intloko, noShafam onganeno, noYanayi, noShafati eBhashan.

13. Nabazalwana babo bendlu yooyise ngooMikayeli, noMeshulam, noShebha, noYorayi, noYakan, noZiya, noEbhere; basixhenxe abo.

14. Ngabo aba oonyana baka-Abhihayili, unyana kaHuri, unyana kaYarowa, unyana kaGiliyadi, unyana kaMikayeli, unyana kaYeshishayi, unyana kaYado, unyana kaBhuzi:

15. uAhi unyana ka-Abhediyeli, unyana kaGuni, intloko yendlu yooyise.

16. Bahlala eGiliyadi naseBhashan, nasemagxamesini ayo, nasemadlelweni onke aseSharon, kwesa ekupheleni kwawo.

17. Bonke abo babhalwa emilibeni yokuzalwa ngemihla kaYotam ukumkani wakwaYuda, nangemihla kaYarobheham ukumkani wakwaSirayeli.

18. Oonyana bakaRubhen, namaGadi, nesiqingatha sesizwe sakwaManase, kumakroti, amadoda anokuphatha ingweletshetshe nekrele, nokugoba isaphetha, afundiswe ukulwa, ngamashumi amané anesiné amawaka, anamakhulu asixhenxe, anamanci amathandathu, abephuma umkhosi.

19. Benza imfazwe namaHagari, noYeture, noNafishe, noNodabhi.

20. Bancediswa kuwo, amaHagari anikelwa esandleni sabo, nabo bonke abebenawo. Ngokuba balila kuThixo ekulweni, wathandazeka ngabo; ngokuba babekholose ngaye.

21. Bayithimba imfuyo yawo, iinkamela zawo amashumi omahlanu amawaka, nempahla emfutshane amakhulu omabini anamanci mahlanu amawaka, namaesile amawaka amabini, abantu belikhulu lamawaka.

22. Ngokuba kwawa babaninzi ababuleweyo; ngokuba yayiphuma kuThixo imfazwe leyo. Bahlala ezikhundleni zabo, bada bathinjwa.

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 5