Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 5:16-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Bahlala eGiliyadi naseBhashan, nasemagxamesini ayo, nasemadlelweni onke aseSharon, kwesa ekupheleni kwawo.

17. Bonke abo babhalwa emilibeni yokuzalwa ngemihla kaYotam ukumkani wakwaYuda, nangemihla kaYarobheham ukumkani wakwaSirayeli.

18. Oonyana bakaRubhen, namaGadi, nesiqingatha sesizwe sakwaManase, kumakroti, amadoda anokuphatha ingweletshetshe nekrele, nokugoba isaphetha, afundiswe ukulwa, ngamashumi amané anesiné amawaka, anamakhulu asixhenxe, anamanci amathandathu, abephuma umkhosi.

19. Benza imfazwe namaHagari, noYeture, noNafishe, noNodabhi.

20. Bancediswa kuwo, amaHagari anikelwa esandleni sabo, nabo bonke abebenawo. Ngokuba balila kuThixo ekulweni, wathandazeka ngabo; ngokuba babekholose ngaye.

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 5