1. Oonyana bakaRubhen, amazibulo kaSirayeli (ngokuba ibinguye owamazibulo; ke ngokuwuhlambela kwakhe umandlalo kayise, ubuzibulo bakhe banikwa oonyana bakaYosefu unyana kaSirayeli, akaba nakubhalwa emilibeni yokuzalwa ukuba ngowamazibulo;
2. ngokuba uYuda waba ligorha phakathi kwabazalwana bakhe, yaphuma kuye ingànga; ke bona ubuzibulo bebubobukaYosefu):
3. oonyana bakaRubhen, amazibulo kaSirayeli, nguEnoki, noFalu, nguHetseron, noKarmi.