Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 4:8-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. UKotsi wazala uAnubhi, noTsobhebha; nemizalwane ka-Aharele, unyana kaHarum.

9. Ke kaloku uYabhetse ebezukile kunabazalwana bakhe. Unina wamthiya igama lokuba nguYabhetse,* esithi, Ndimzele ngokubulaleka.

10. UYabhetse wamnqula uThixo wakwaSirayeli, wathi, Ngamana wandisikelela, wawandisa ummandla wam, isandla sakho saba nam, wandithintela ebubini, ukuze ndingabulaleki. UThixo wamenzela loo nto wayicelayo.

11. UKelubhi, umkhuluwa kaShuwa, wazala uMehire, onguyise kaEshton.

12. UEshton wazala indlu kaRafa, noPaseha, noTehina, ozala umzi kaNahashe. Ngawo lawo amadoda akwaReka.

13. Oonyana bakaKenazi: uOteniyeli noSeraya; oonyana bakaOteniyeli nguHatati noMehonotayi.

14. UMehonotayi wazala uOfera; uSeraya wazala uYowabhi, ozala ooGeharashim,* ngokuba bebeziingcibi.

15. Oonyana bakaKalebhi, unyana kaYefune, ngooIru, noEla, noNaham; oonyana bakaEla; nabakaKenazi.

16. Oonyana bakaYehaleleli ngooZifi noZifa, ngooTireya noAsareli.

17. Oonyana bakaEzera nguYetere, noMerede, noEfere, noYalon. Wazala uMiriyam, noShamayi, noIshbha, ozala amaEshtemowa.

18. Umkakhe uYehudiya wazala uYerede, ozala amaGedore; noHebhere, ozala amaSoko; noYekutiyeli, ozala amaZanowa. Ngabo abo oonyana bakaBhitya, intombi kaFaro, awayizekayo uMerede.

19. Oonyana bomkakhe uHodiya, udade boNaham: ngozala amaKehila, umGarmi; nozala amaEshtemowa, umMahaka.

20. Oonyana bakaShimon ngooAmnon noRina, ngooBhen-hanan noTilon. Oonyana bakaIshi ngooZohete noBhen-zohete.

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 4