Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 27:16-33 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Ke izizwe zakwaSirayeli zaphathwa ngaba: kumaRubhen ingànga ibinguEliyezere unyana kaZikri; kumaSimon nguShefatiya unyana kaMahaka;

17. kubaLevi nguHashabhiya unyana kaKemuweli;

18. kwa-Aron nguTsadoki; kwesakwaYuda nguElihu, wakubazalwana bakaDavide; kwesakwaIsakare nguOmri unyana kaMikayeli;

19. kwesakwaZebhulon nguIshemaya unyana kaObhadiya; kwesakwaNafetali nguYerimoti unyana ka-Azeriyeli;

20. koonyana bakaEfrayim nguHosheya unyana ka-Azaziya; kwisiqingatha sesizwe sikaManase nguYoweli unyana kaPedaya;

21. kwisiqingatha sikaManase eGiliyadi nguIdo unyana kaZekariya; kwesakwaBhenjamin nguYahasiyeli unyana ka-Abhinere;

22. kwesakwaDan nguAzareli unyana kaYeroham. Ngabo abathetheli bezizwe zakwaSirayeli.

23. UDavide akalithabathanga inani labaminyaka imashumi mabini bezelwe, nabangaphantsi; ngokuba uYehova wathi uya kuwandisa amaSirayeli njengeenkwenkwezi zezulu.

24. UYowabhi unyana kaTseruya walinga ukubala, akagqiba; afikelwa buburhalarhume amaSirayeli ngenxa yoko; àlangeniswa inani engxelweni yemicimbi yemihla yokumkani uDavide.

25. Obephethe ubuncwane bokumkani nguAzemavete unyana ka-Adiyeli; obephethe ubuncwane obukoovimba endle, nasemizini, nasemizaneni, nasezinqabeni ezinde, nguYonatan unyana kaUziya.

26. Obephethe abenza umsebenzi wokulima amasimi nguEzeri unyana kaKelubhi.

27. Obephethe izidiliya nguShimehi umRama. Obephethe izisele zewayini yasezidiliyeni nguZabhedi umShifemoti.

28. Obephethe iminquma nemithombe ebisezintilini nguBhahalihanan, umGedere. Obephethe izisele zeoli nguYowashe.

29. Obephethe iinkomo ezidla eSharon nguShitrayi umSharon. Obephethe iinkomo ezisezintilini nguShafati unyana ka-Adelayi.

30. Obephethe iinkamela nguObhili umIshmayeli. Obephethe iimazi zamaesile nguYedeya umMeronoti.

31. Obephethe impahla emfutshane nguYazizi umHagri. Bonke abo bebengabaphathi beempahla ezizezokumkani uDavide.

32. UYonatan, uyisekazi kaDavide, ubengumphakathi, eyindoda enokuqonda, engumbhali yena. UYehiyeli unyana kaHakemon ubenoonyana bokumkani.

33. UAhitofele ubengumphakathi wokumkani. UHushayi umArki ubelikholwane lokumkani.

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 27