Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 27:15-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Oweshumi elinesibini ngenyanga yeshumi elinesibini ibinguHeledayi umNetofa, kaOteniyeli; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamané amawaka.

16. Ke izizwe zakwaSirayeli zaphathwa ngaba: kumaRubhen ingànga ibinguEliyezere unyana kaZikri; kumaSimon nguShefatiya unyana kaMahaka;

17. kubaLevi nguHashabhiya unyana kaKemuweli;

18. kwa-Aron nguTsadoki; kwesakwaYuda nguElihu, wakubazalwana bakaDavide; kwesakwaIsakare nguOmri unyana kaMikayeli;

19. kwesakwaZebhulon nguIshemaya unyana kaObhadiya; kwesakwaNafetali nguYerimoti unyana ka-Azeriyeli;

20. koonyana bakaEfrayim nguHosheya unyana ka-Azaziya; kwisiqingatha sesizwe sikaManase nguYoweli unyana kaPedaya;

21. kwisiqingatha sikaManase eGiliyadi nguIdo unyana kaZekariya; kwesakwaBhenjamin nguYahasiyeli unyana ka-Abhinere;

22. kwesakwaDan nguAzareli unyana kaYeroham. Ngabo abathetheli bezizwe zakwaSirayeli.

23. UDavide akalithabathanga inani labaminyaka imashumi mabini bezelwe, nabangaphantsi; ngokuba uYehova wathi uya kuwandisa amaSirayeli njengeenkwenkwezi zezulu.

24. UYowabhi unyana kaTseruya walinga ukubala, akagqiba; afikelwa buburhalarhume amaSirayeli ngenxa yoko; àlangeniswa inani engxelweni yemicimbi yemihla yokumkani uDavide.

25. Obephethe ubuncwane bokumkani nguAzemavete unyana ka-Adiyeli; obephethe ubuncwane obukoovimba endle, nasemizini, nasemizaneni, nasezinqabeni ezinde, nguYonatan unyana kaUziya.

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 27