11. Owesibhozo ngenyanga yesibhozo ibinguSibhekayi umHusha, wakumaZera; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamané amawaka.
12. Owesithoba ngenyanga yesithoba ibinguAbhiyezere waseAnatoti, wakumaBhenjamin; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamané amawaka.
13. Oweshumi ngenyanga yeshumi ibinguMaharayi umNetofa wakumaZera; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamané amawaka.
14. Oweshumi elinamnye ngenyanga yeshumi elinanye ibinguBhenaya umPiraton, wakoonyana bakaEfrayim; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamané amawaka.
15. Oweshumi elinesibini ngenyanga yeshumi elinesibini ibinguHeledayi umNetofa, kaOteniyeli; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamané amawaka.
16. Ke izizwe zakwaSirayeli zaphathwa ngaba: kumaRubhen ingànga ibinguEliyezere unyana kaZikri; kumaSimon nguShefatiya unyana kaMahaka;
17. kubaLevi nguHashabhiya unyana kaKemuweli;
18. kwa-Aron nguTsadoki; kwesakwaYuda nguElihu, wakubazalwana bakaDavide; kwesakwaIsakare nguOmri unyana kaMikayeli;
19. kwesakwaZebhulon nguIshemaya unyana kaObhadiya; kwesakwaNafetali nguYerimoti unyana ka-Azeriyeli;
20. koonyana bakaEfrayim nguHosheya unyana ka-Azaziya; kwisiqingatha sesizwe sikaManase nguYoweli unyana kaPedaya;
21. kwisiqingatha sikaManase eGiliyadi nguIdo unyana kaZekariya; kwesakwaBhenjamin nguYahasiyeli unyana ka-Abhinere;
22. kwesakwaDan nguAzareli unyana kaYeroham. Ngabo abathetheli bezizwe zakwaSirayeli.
23. UDavide akalithabathanga inani labaminyaka imashumi mabini bezelwe, nabangaphantsi; ngokuba uYehova wathi uya kuwandisa amaSirayeli njengeenkwenkwezi zezulu.
24. UYowabhi unyana kaTseruya walinga ukubala, akagqiba; afikelwa buburhalarhume amaSirayeli ngenxa yoko; àlangeniswa inani engxelweni yemicimbi yemihla yokumkani uDavide.