Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 26:4-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. KuObhedi-edom, oonyana yayinguShemaya owamazibulo, noYozabhadi owesibini, noYowa owesithathu, noSakare owesiné, noNataniyeli owesihlanu,

5. noAmiyeli owesithandathu, noIsakare owesixhenxe, noPehuletayi owesibhozo; ngokuba uThixo ebemsikelele uObhedi-edom.

6. Ke nakuShemaya, unyana wakhe, kwazalwa oonyana abalawula indlu kayise; ngokuba babengamagorha anobukroti.

7. Oonyana bakaShemaya ngoo-Oteni, noRafayeli, no-Obhedi, noElizabhadi, kunye nabazalwana bakhe, amadoda anobukroti, uElihu noSemakiya.

8. Bonke abo bakoonyana bakaObhedi-edom, bona noonyana babo, nabazalwana babo, amadoda avileyo, enamandla enkonzweni, bebengamashumi amathandathu anababini kuObhedi-edom.

9. UMeshelemiya ube enoonyana nabazalwana, amadoda anobukroti, ilishumi elinesibhozo.

10. KwanoHosa, wakoonyana bakaMerari, ubenoonyana: inguShimri inkulu (ngokuba waye engengowamazibulo, noko ke uyise wamenza inkulu),

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 26