Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 26:30-32 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

30. KumaHebron, uHashabhiya nabazalwana bakhe, amakroti aliwaka elinamakhulu asixhenxe, babephethe umsebenzi wokuvelela amaSirayeli anganeno kweYordan ngasentshonalanga, emsebenzini wonke kaYehova, nasenkonzweni yokumkani.

31. KumaHebron uYeriya ebeyintloko (kumaHebron ngokweenzalo zawo ngokooyise. Ngomnyaka wamashumi omané wobukumkani bukaDavide, kwafunwa, kwafunyanwa kuwo amagorha anabukortie Yazere yaseGiliyadi).

32. Nabazalwana bakhe, amakroti angamawaka amabini anamakhulu asixhenxe, ooyise bezindlu, uDavide ukumkani wabenza abaphathi bamaRubhen namaGadi nesiqingatha sesizwe sakwaManase, ezintweni zonke zikaThixo, nasezintweni zokumkani.

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 26