Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 26:21-32 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

21. Oonyana bakaLadan, bengoonyana bamaGershon alunge kuLadan, iintloko zezindlu zooyise zakwaLadan umGershon: nguYehiyeli.

22. Koonyana bakaYehiyeli, nguZetam noYoweli umninawa wakhe abaphethe ubuncwane bendlu kaYehova.

23. Kuma-Amram, kumaItsare, kumaHebron, kumaUziyeli:

24. uShebhuweli, unyana kaGershom unyana kaMoses, ebeyingànga yobuncwane.

25. Abazalwana bakhe bakwaEliyezere nguRehabhiya unyana wakhe, noYeshaya, unyana wakhe, noYoram unyana wakhe, noZikri unyana wakhe, noShelomoti unyana wakhe.

26. Lo Shelomoti nabazalwana bakhe baphathiswa bonke ubuncwane bezinto ezingcwele, abezingcwalisile uDavide ukumkani, neentloko zezindlu zooyise, nabathetheli bamawaka nabamakhulu, nabathetheli bomkhosi.

27. Okwemfazwe nokwamaxhoba, kwangcwaliselwa ukuba kulungise indlu kaThixo.

28. Zonke izinto abezingcwalisile uSamuweli imboni, noSawule unyana kaKishe, noAbhinere unyana kaNere, noYowabhi unyana kaTseruya, zonke izinto abezingcwalisile nabani, zaba phantsi kwesandla sikaShelomoti nabazalwana bakhe.

29. KumaItsare, uKenaniya noonyana bakhe baphathiswa umsebenzi wangaphandle kwaSirayeli, wababhali nabagwebi.

30. KumaHebron, uHashabhiya nabazalwana bakhe, amakroti aliwaka elinamakhulu asixhenxe, babephethe umsebenzi wokuvelela amaSirayeli anganeno kweYordan ngasentshonalanga, emsebenzini wonke kaYehova, nasenkonzweni yokumkani.

31. KumaHebron uYeriya ebeyintloko (kumaHebron ngokweenzalo zawo ngokooyise. Ngomnyaka wamashumi omané wobukumkani bukaDavide, kwafunwa, kwafunyanwa kuwo amagorha anabukortie Yazere yaseGiliyadi).

32. Nabazalwana bakhe, amakroti angamawaka amabini anamakhulu asixhenxe, ooyise bezindlu, uDavide ukumkani wabenza abaphathi bamaRubhen namaGadi nesiqingatha sesizwe sakwaManase, ezintweni zonke zikaThixo, nasezintweni zokumkani.

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 26