Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 26:18-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. Emaphandleni ngasentshonalanga babané emendweni, bababini ngaphandle.

19. Ngawo lawo amaqela abamasango, koonyana bamaKora, nakoonyana bakaMerari.

20. Ke abaLevi, abazalwana babo, baphatha ubuncwane bendlu kaThixo, nobuncwane bezinto ezingcwele.

21. Oonyana bakaLadan, bengoonyana bamaGershon alunge kuLadan, iintloko zezindlu zooyise zakwaLadan umGershon: nguYehiyeli.

22. Koonyana bakaYehiyeli, nguZetam noYoweli umninawa wakhe abaphethe ubuncwane bendlu kaYehova.

23. Kuma-Amram, kumaItsare, kumaHebron, kumaUziyeli:

24. uShebhuweli, unyana kaGershom unyana kaMoses, ebeyingànga yobuncwane.

25. Abazalwana bakhe bakwaEliyezere nguRehabhiya unyana wakhe, noYeshaya, unyana wakhe, noYoram unyana wakhe, noZikri unyana wakhe, noShelomoti unyana wakhe.

26. Lo Shelomoti nabazalwana bakhe baphathiswa bonke ubuncwane bezinto ezingcwele, abezingcwalisile uDavide ukumkani, neentloko zezindlu zooyise, nabathetheli bamawaka nabamakhulu, nabathetheli bomkhosi.

27. Okwemfazwe nokwamaxhoba, kwangcwaliselwa ukuba kulungise indlu kaThixo.

28. Zonke izinto abezingcwalisile uSamuweli imboni, noSawule unyana kaKishe, noAbhinere unyana kaNere, noYowabhi unyana kaTseruya, zonke izinto abezingcwalisile nabani, zaba phantsi kwesandla sikaShelomoti nabazalwana bakhe.

29. KumaItsare, uKenaniya noonyana bakhe baphathiswa umsebenzi wangaphandle kwaSirayeli, wababhali nabagwebi.

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 26