Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 26:10-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. KwanoHosa, wakoonyana bakaMerari, ubenoonyana: inguShimri inkulu (ngokuba waye engengowamazibulo, noko ke uyise wamenza inkulu),

11. noHilekiya owesibini, noTebhaliya owesithathu, noZekariya owesiné; bebonke oonyana nabazalwana kuHosa baba lishumi elinabathathu.

12. Loo maqela abamasango, iinkulu zamagorha, zaphathiswa izigxina kunye nabazalwana babo, ukuba balungiselele endlwini kaYehova.

13. Bawisa amaqashiso, ngomncinane nangomkhulu ngokufanayo, ngokwezindlu zooyise, isango ngesango.

14. Iqashiso elingasempumalanga laphuma noShelemiya. Ke uZekariya unyana wakhe, umphakathi oqiqileyo, bamwisela amaqashiso, laphuma iqashiso lakhe lilelangasentla;

15. elikaObhedi-edom laba lelangasezantsi; eloonyana bakhe laba lelovimba.

16. ElooShupim noHosa laba lelangasentshonalanga, kunye nesango leShalekete emendweni onyukayo, umlindo umalunga nomlindo.

17. Ngasempumalanga babebathandathu abaLevi; ngasentla bebané imihla ngemihla; ngasezantsi bebané imihla ngemihla; kovimba baba ngababini ngababini.

18. Emaphandleni ngasentshonalanga babané emendweni, bababini ngaphandle.

19. Ngawo lawo amaqela abamasango, koonyana bamaKora, nakoonyana bakaMerari.

20. Ke abaLevi, abazalwana babo, baphatha ubuncwane bendlu kaThixo, nobuncwane bezinto ezingcwele.

21. Oonyana bakaLadan, bengoonyana bamaGershon alunge kuLadan, iintloko zezindlu zooyise zakwaLadan umGershon: nguYehiyeli.

22. Koonyana bakaYehiyeli, nguZetam noYoweli umninawa wakhe abaphethe ubuncwane bendlu kaYehova.

23. Kuma-Amram, kumaItsare, kumaHebron, kumaUziyeli:

24. uShebhuweli, unyana kaGershom unyana kaMoses, ebeyingànga yobuncwane.

25. Abazalwana bakhe bakwaEliyezere nguRehabhiya unyana wakhe, noYeshaya, unyana wakhe, noYoram unyana wakhe, noZikri unyana wakhe, noShelomoti unyana wakhe.

26. Lo Shelomoti nabazalwana bakhe baphathiswa bonke ubuncwane bezinto ezingcwele, abezingcwalisile uDavide ukumkani, neentloko zezindlu zooyise, nabathetheli bamawaka nabamakhulu, nabathetheli bomkhosi.

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 26