Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 26:1-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke amaqela abamasango: kumaKora yayinguMeshelemiya unyana kaKore, kubo oonyana baka-Asafu.

2. KuMeshelemiya, oonyana yayingooZekariya owamazibulo, noYedihayeli owesibini, noZebhadiya owesithathu, noYateniyeli owesiné,

3. noElam owesihlanu, noYohanan owesithandathu, noEliyohenayi owesixhenxe.

4. KuObhedi-edom, oonyana yayinguShemaya owamazibulo, noYozabhadi owesibini, noYowa owesithathu, noSakare owesiné, noNataniyeli owesihlanu,

5. noAmiyeli owesithandathu, noIsakare owesixhenxe, noPehuletayi owesibhozo; ngokuba uThixo ebemsikelele uObhedi-edom.

6. Ke nakuShemaya, unyana wakhe, kwazalwa oonyana abalawula indlu kayise; ngokuba babengamagorha anobukroti.

7. Oonyana bakaShemaya ngoo-Oteni, noRafayeli, no-Obhedi, noElizabhadi, kunye nabazalwana bakhe, amadoda anobukroti, uElihu noSemakiya.

8. Bonke abo bakoonyana bakaObhedi-edom, bona noonyana babo, nabazalwana babo, amadoda avileyo, enamandla enkonzweni, bebengamashumi amathandathu anababini kuObhedi-edom.

9. UMeshelemiya ube enoonyana nabazalwana, amadoda anobukroti, ilishumi elinesibhozo.

10. KwanoHosa, wakoonyana bakaMerari, ubenoonyana: inguShimri inkulu (ngokuba waye engengowamazibulo, noko ke uyise wamenza inkulu),

11. noHilekiya owesibini, noTebhaliya owesithathu, noZekariya owesiné; bebonke oonyana nabazalwana kuHosa baba lishumi elinabathathu.

12. Loo maqela abamasango, iinkulu zamagorha, zaphathiswa izigxina kunye nabazalwana babo, ukuba balungiselele endlwini kaYehova.

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 26