Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 25:7-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Inani labo kunye nabazalwana babo ababefundisiwe ukuvuma iingoma zikaYehova, bonke abakwaziyo, lalingamakhulu amabini anamanci asibhozo anesibhozo.

8. Bawisa amaqashiso esigxina: njengoko anjalo omncinane, wanjalo omkhulu, okwaziyo kunye nofundiswayo.

9. Iqashiso lokuqala laphuma ngoAsafu, noYosefu: yena, nabazalwana bakhe, noonyana bakhe, baba lishumi elinababini; iqashiso lesibini noGedaliya: yena nabazalwana bakhe noonyana bakhe baba lishumi elinababini;

10. elesithathu noZakure: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe, baba lishumi elinababini;

11. elesiné noItseri: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;

12. elesihlanunoNetaniya: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;

13. elesithandathu noBhukiya: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;

14. elesixhenxe noYesharela: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;

15. elesibhozo noYeshaya: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;

16. elesithoba noMataniya: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;

17. eleshumi noShimehi: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;

18. eleshumi elinanye noAzareli: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;

19. eleshumi elinesibini noHashabhiya: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 25