Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 25:6-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Bonke abo babephethwe nguyise ekuvumeni endlwini kaYehova, benamacangci, nemirhubhe, neehadi, bekhonza endlwini kaThixo, bephethwe ngokomyalelo wokumkani, noAsafu, noYedutun, noHeman.

7. Inani labo kunye nabazalwana babo ababefundisiwe ukuvuma iingoma zikaYehova, bonke abakwaziyo, lalingamakhulu amabini anamanci asibhozo anesibhozo.

8. Bawisa amaqashiso esigxina: njengoko anjalo omncinane, wanjalo omkhulu, okwaziyo kunye nofundiswayo.

9. Iqashiso lokuqala laphuma ngoAsafu, noYosefu: yena, nabazalwana bakhe, noonyana bakhe, baba lishumi elinababini; iqashiso lesibini noGedaliya: yena nabazalwana bakhe noonyana bakhe baba lishumi elinababini;

10. elesithathu noZakure: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe, baba lishumi elinababini;

11. elesiné noItseri: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;

12. elesihlanunoNetaniya: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;

13. elesithandathu noBhukiya: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;

14. elesixhenxe noYesharela: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;

15. elesibhozo noYeshaya: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;

16. elesithoba noMataniya: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 25