Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 25:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. UDavide nabathetheli-mkhosi babahlulela inkonzo oonyana baka-Asafu noHeman noYedutun, baprofeta ngeehadi nangemirhubhe nangamacangci. Inani lawo la madoda asebenzela inkonzo yawo laba leli:

2. Koonyana baka-Asafu: nguZakure, noYosefu, noNetaniya, noAsharela; oonyana baka-Asafu bephethwe nguAsafu, beprofeta, bephethwe ngokomyalelo wokumkani.

3. KuYedutun: oonyana bakaYedutun nguGedaliya, noTseri, noYeshaya, noHashabhiya, noMatitiya, bebathandathu, bephethwe nguyise uYedutun, eprofeta ngohadi, ebulela edumisa uYehova.

4. KuHeman: oonyana bakaHeman nguBhukiya, noMataniya, noUziyeli, noShebhuweli, noYerimoti, noHananiya, noHanani, noEliyata, noGidaleti, noRomati-ezere, noYoshebhekasha, noMaloti, noHotire, noMahaziyoti.

5. Bonke aba babengoonyana kuHeman, imboni yokumkani emazwini kaThixo, ukuba aluphakamise uphondo. UThixo wamnika uHeman oonyana abalishumi elinabané, neentombi ezintathu.

6. Bonke abo babephethwe nguyise ekuvumeni endlwini kaYehova, benamacangci, nemirhubhe, neehadi, bekhonza endlwini kaThixo, bephethwe ngokomyalelo wokumkani, noAsafu, noYedutun, noHeman.

7. Inani labo kunye nabazalwana babo ababefundisiwe ukuvuma iingoma zikaYehova, bonke abakwaziyo, lalingamakhulu amabini anamanci asibhozo anesibhozo.

8. Bawisa amaqashiso esigxina: njengoko anjalo omncinane, wanjalo omkhulu, okwaziyo kunye nofundiswayo.

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 25