Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 24:1-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke oonyana baka-Aron, amaqela abo ibingala: oonyana baka-Aron nguNadabhi, noAbhihu, noElazare, noItamare.

2. Bafa ooNadabhi noAbhihu phambi koyise, bengenanyana; baba ngababingeleli ooElazare noItamare.

3. Wabahlula uDavide: yanguTsadoki koonyana bakaElazare, yanguAhimeleki koonyana bakaItamare, ngodidi lwabo ekonzweni yabo.

4. Bafumaneka oonyana bakaElazare bebaninzi ngokweentloko zamagorha, ngaphezu koonyana bakaItamare. Babenjenje ukubahlula: koonyana bakaElazare, iintloko zezindlu zooyise zaba lishumi elinantandathu; koonyana bakaItamare, zasibhozo ngokwezindlu zooyise.

5. Babahlula ngamaqashiso, aba baba naba; ngokuba abaphathi bendawo engcwele nabaphathi bakaThixo bebengabakoonyana bakaElazare, naphakathi koonyana bakaItamare.

6. UShemaya unyana kaNataniyeli umbhali, wakubaLevi, wababhala phambi kokumkani, nabathetheli, noTsadoki umbingeleli, noAhimeleki unyana ka-Abhiyatare, neentloko zezindlu zooyise kubabingeleli nakubaLevi; indlu yoyise inye iphuma noElazare, inye iphuma noItamare.

7. Laphuma iqashiso lokuqala noYoyaribhi,

8. elesibini noYidaya, elesithathu noHarim,

9. elesiné noSehorim, elesihlanu noMalekiya, elesithandathu noMiyamin,

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 24