Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 23:10-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Oonyana bakaShimehi nguYahati, noZina, noYehushe, noBheriya. Ngabo abo oonyana bakaShimehi; bané.

11. UYahati wayengomkhulu, uZiza engowesibini; ke uYehushe noBheriya bebengenanyana baninzi; ngoko ke baba ludidi olunye, babalelwa kwindlu yoyise.

12. Oonyana bakaKehati nguAmram, noItsare, noHebron, noUziyeli; bané.

13. Oonyana baka-Amram nguAron noMoses. UAron watwetyulelwa ukuba angcwaliswe abe yingcwele kangcwele, yena noonyana bakhe, kude kuse ephakadeni; baqhumisèle phambi koYehova, balungiselele kuye, basikelele egameni lakhe kude kuse ephakadeni.

14. Ke uMoses, umfo wakwaThixo, oonyana bakhe babizwa ngokwesizwe sakwaLevi.

15. Oonyana bakaMoses nguGershom noEliyezere.

16. Koonyana bakaGershom nguShebhuweli inkulu.

17. Koonyana bakaEliyezere nguRehabheya inkulu. UEliyezere akabanga nanyana bambi; ke oonyana bakaRehabheya bebebaninzi, bagqithisela.

18. Koonyana bakaItsare nguShelomiti inkulu.

19. Koonyana bakaHebron nguYeriya inkulu, noAmariya owesibini, noYahaziyeli owesithathu, noYekamam owesiné.

20. Koonyana bakaUziyeli nguMika inkulu, noIshiya owesibini.

21. Oonyana bakaMerari nguMali noMushi. Oonyana bakaMali nguElazare noKishe.

22. Wafa uElazare engenanyana, eneentombi zodwa; zazekwa ngoonyana bakaKishe, abazalwana bazo.

23. Oonyana bakaMushi nguMali, noEdere, noYeremoti; bathathu.

24. Ngabo abo oonyana bakaLevi ngokwezindlu zooyise, iintloko zezindlu zooyise ngokwababalwáyo kubo, ngenani lamagama ngokweentloko zabo, besenza imisebenzi yenkonzo yendlu kaYehova, bethabathela kwabaminyaka imashumi mabini bezelwe, kwenyusa.

25. Ngokuba uDavide ubesithi, UYehova, uThixo kaSirayeli, ubaphumzile abantu bakhe; uhleli eYerusalem kude kuse ephakadeni.

26. Kananjalo ke abaLevi akusafuneki ukuba bawuthwale umnquba, neempahla zawo zonke zenkonzo yawo.

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 23