Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 23:1-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku, xa uDavide wayesel' aluphele, ehambisekile ebudaleni, wamenza uSolomon unyana wakhe ukumkani kumaSirayeli.

2. Wabahlanganisa bonke abathetheli bamaSirayeli, nababingeleli, nabaLevi.

3. Babalwa abaLevi, kwathatyathelwa kwabaminyaka imashumi mathathu bezelwe kwenyusa. Inani labo ngokweentloko zabo, indoda ngendoda, laba ngamashumi amathathu anesibhozo amawaka.

4. Kubo aba, abokongamela umsebenzi wendlu kaYehova baba ngamashumi amabini anamané amawaka; ababhali nabagwebi bangamawaka amathandathu.

5. Abamasango baba ngamawaka amané; abadumisa uYehova ngeempahla endazenzela ukudumisa, watsho uDavide, baba ngamawaka amané.

6. UDavide wabahlula bazizahlulo ngokoonyana bakaLevi, yanguGershon, noKehati, noMerari.

7. KumaGershon yanguLadan noShimehi.

8. Oonyana bakaLadan nguYehiyeli omkhulu, noZetam, noYoweli; bathathu.

9. Oonyana bakaShimehi nguShelomiti, noHaziyeli, noHaran; bathathu. Zizo ezo iintloko zezindlu zooyise zikaLadan.

10. Oonyana bakaShimehi nguYahati, noZina, noYehushe, noBheriya. Ngabo abo oonyana bakaShimehi; bané.

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 23