Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 22:3-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. UDavide walungisa isinyithi sasininzi sezikhonkwane zeengcango zamasango nesezibandakanyiso; nobhedu lwaluninzi, àlwaba nakulinganiswa;

4. nemisedare* engenakubalwa; ngokuba abaseTsidon nabaseTire bazisa imisedare yamininzi kuDavide.

5. Wathi uDavide, USolomon unyana wam mncinane, uthambile; ke indlu eza kwakhelwa uYehova yeyokukhulisa, inyuse igama lakhe nodumo lwakhe emazweni onke; ngoko ke ndokha ndimlungiselele. Walungisa ke kakhulu uDavide phambi kokufa kwakhe.

6. Wambiza uSolomon unyana wakhe, wamwisela umthetho wokuba amakhele uYehova, uThixo kaSirayeli, indlu.

7. Wathi uDavide kuSolomon, Nyana wam, ndandisithi entliziyweni yam, ndiya kulakhela igama likaYehova uThixo wam indlu.

8. Ke lafika kum ilizwi likaYehova, lisithi, Uphalazé igazi lalininzi, wenza iimfazwe ezinkulu; akuyi kulakhela ndlu igama lam, ngokuba uphalaze igazi elininzi ehlabathini phambi kwam.

9. Yabona, uya kuzalelwa unyana; yena uya kuba yindoda yoxolo; ndiya kumphumza ezintshabeni zakhe zonke ngeenxa zonke; ngokuba liya kuba nguSolomon* igama lakhe, ndiwanike uxolo nokuzola amaSirayeli ngeemini zakhe.

10. Nguye oya kulakhela igama lam indlu. Yena uya kuba ngunyana kum, mna ndibe nguyise kuye, ndiyizinzise itrone yobukumkani bakhe kumaSirayeli, kude kuse ephakadeni.

11. Kaloku, nyana wam, uYehova makabe nawe, ube nempumelelo, uyakhe indlu kaYehova uThixo wakho, njengoko akuthethileyo ngawe.

12. Kodwa ke uYehova makakunike ukuqiqa nokuqonda, akuwisele umthetho ngamaSirayeli, ukuba uwugcine umyalelo kaYehova uThixo wakho.

13. Ùya kwandula ukuba nempumelelo, xa uthe wakugcina ukuyenza imimiselo namasiko, awathi uYehova wamwisela uMoses umthetho ngawo ngenxa yamaSirayeli. Yomelela ukhaliphe; musa ukoyika, ungaqhiphuki umbilini.

14. Uyabona, ngemigudu yam indlu kaYehova ndiyilungisele ikhulu lamawaka eetalente zegolide,* nesigidi esinye seetalente zesilivere,* nobhedu nesinyithi, into engenakulinganiselwa ukuba ninzi kwayo; ndilungisé nemithi namatye; nawe ungóngeza kwezo zinto.

15. Unabo bebaninzi abasebenzi bomsebenzi, abaxholi neengcibi zamatye nezemithi, nabalumkileyo emisebenzini yonke.

16. Igolide, nesilivere, nobhedu, nesinyithi, yinto engenakubalwa. Suk' ume, wenze, uYehova abe nawe.

17. UDavide wabawisela umthetho bonke abathetheli bakwaSirayeli, ukuba bamncede uSolomon unyana wakhe, wathi,

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 22