Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 22:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Wathi uDavide, Yiyo le indlu kaYehova uThixo; siso esi isibingelelo sedini elinyukayo sikaSirayeli.

2. Wathi uDavide, mabawomele kuye abasemzini abasezweni lakwaSirayeli; wamisa abaqingqi bokuqingqa amatye axholiweyo, okwakha indlu kaThixo.

3. UDavide walungisa isinyithi sasininzi sezikhonkwane zeengcango zamasango nesezibandakanyiso; nobhedu lwaluninzi, àlwaba nakulinganiswa;

4. nemisedare* engenakubalwa; ngokuba abaseTsidon nabaseTire bazisa imisedare yamininzi kuDavide.

5. Wathi uDavide, USolomon unyana wam mncinane, uthambile; ke indlu eza kwakhelwa uYehova yeyokukhulisa, inyuse igama lakhe nodumo lwakhe emazweni onke; ngoko ke ndokha ndimlungiselele. Walungisa ke kakhulu uDavide phambi kokufa kwakhe.

6. Wambiza uSolomon unyana wakhe, wamwisela umthetho wokuba amakhele uYehova, uThixo kaSirayeli, indlu.

7. Wathi uDavide kuSolomon, Nyana wam, ndandisithi entliziyweni yam, ndiya kulakhela igama likaYehova uThixo wam indlu.

8. Ke lafika kum ilizwi likaYehova, lisithi, Uphalazé igazi lalininzi, wenza iimfazwe ezinkulu; akuyi kulakhela ndlu igama lam, ngokuba uphalaze igazi elininzi ehlabathini phambi kwam.

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 22