Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 21:9-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Wathetha uYehova kuGadi, imboni kaDavide, esithi,

10. Yiya uthethe kuDavide, uthi, Útsho uYehova ukuthi, Ndikubekela izinto ezintathu; zinyulele ibe nye kuzo, ndiyenze kuwe.

11. Waya ke uGadi kuDavide, wathi kuye, Útsho uYehova ukuthi, Zityumbele;

12. nokuba yiminyaka emithathu yendlala; nokuba ziinyanga ezintathu ugxothwa ziintshaba zakho, nekrele leentshaba zakho likufikela; nokuba yimihla emithathu yekrele likaYehova, nendyikitya yokufa ezweni, isithunywa sikaYehova sisonakalisa emimandleni yonke yakwaSirayeli. Kaloku ke, yenza ilizwi endolibuyisela kondithumileyo.

13. Wathi uDavide kuGadi, Ndididekile kunene; masendisíwa esandleni sikaYehova, ngokuba ininzi imfesane yakhe; mandingaweli esandleni somntu.

14. UYehova wathoba ke indyikitya yokufa kwaSirayeli; kwawa amashumi asixhenxe amawaka amadoda kwaSirayeli.

15. UThixo wathuma isithunywa eYerusalem, ukuba siyitshabalalise. Sakubona ukuba siyatshabalalisa, wabona uYehova, wazohlwaya ngenxa yobubi obo; wathi kwisithunywa eso sitshabalalisayo, Kwanele, sithobe kaloku isandla sakho. Ke kaloku isithunywa sikaYehova sema esandéni sikaOrnan umYebhusi.

16. UDavide wawaphakamisa amehlo akhe, wabona isithunywa sikaYehova simi phakathi komhlaba nezulu, sithe rhuthu ikrele laso ngesandla, lolulelwe phezu kweYerusalem. UDavide namadoda amakhulu, bezigubungele ngeengubo ezirhwexayo, bawa phantsi ngobuso.

17. Wathi uDavide kuThixo, Asindim yini na othe mababalwe abantu? Yaba ndim ke owonileyo, ndenza ububi ukwenza oko; ke ezi zimvu zenzé ntoni na zona? Yehova Thixo wam, isandla sakho masifikele mna, nendlu kabawo, singàbi kubantu bakho, ukuba babulawe.

18. Sathi isithunywa sikaYehova kuGadi, Makatsho kuDavide, enyuke uDavide, amisele uYehova isibingelelo esandéni sikaOrnan umYebhusi.

19. Wenyuka uDavide ngelizwi likaGadi, awalithethayo egameni likaYehova.

20. Wathi guququ uOrnan, wasibona isithunywa; oonyana bakhe abané ababenaye bazimela; ke uOrnan wayebhula ingqolowa.

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 21