Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 21:24-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

24. Wathi ukumkani uDavide kuOrnan, Hayi; ndiya kusithenga ngexabiso elizalisekileyo; ngokuba andiyi kumthabathela nto iyeyakho uYehova, ndinyuse amadini anyukayo endiwazuzé ngelizé.

25. UDavide wamnika uOrnan ngaloo ndawo iishekele* zegolide ezibunzima bumakhulu mathandathu.

26. Wakhela apho ke uDavide isibingelelo kuYehova, wanyusa amadini anyukayo nemibingelelo yoxolo, wanqula uYehova; waza yena wamphendula ngomlilo ovela ezulwini, phezu kwesibingelelo sedini elinyukayo.

27. Wathetha uYehova kwisithunywa, salibuyisela esingxobeni ikrele laso.

28. Ngelo xesha, akubona uDavide ukuba uYehova umphendule esandéni sikaOrnan umYebhusi, wamana ebingelela khona.

29. Ke umnquba kaYehova, awawenzayo uMoses entlango, nesibingelelo sedini elinyukayo, bezisesigangeni eGibheyon ngelo xesha.

30. UDavide ubengenakuya phambi kwawo amquqele uThixo; ngokuba ubesoyika ikrele lesithunywa sikaYehova.

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 21