Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 20:5-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Kwabuya kwaliwa namaFilisti. UElihanan unyana kaYahire wambulala uLami, umzalwana kaGoliyati waseGati, oluthi lwentshuntshe yakhe lwalungangomthi wabaluki.

6. Kwabuya kwaliwa eGati. Kwakho ndoda iyingxilimbela, eminwe neenzwane zazingamashumi amabini anané; imithandathu sandleni sinye, zintandathu lunyaweni lunye; nayo ibizalwa nguRafa.

7. Yawangcikiva amaSirayeli; wayibulala uYonatan, unyana kaShimeha umkhuluwa kaDavide.

8. Abo bázalwa nguRafa eGati; bawa ngesandla sikaDavide, nangesandla sabakhonzi bakhe.

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 20