Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 2:8-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Oonyana bakaEtan nguAzariya.

9. Oonyana bakaHetseron awabazalelwayo: nguYerameli, noRam, noKelubhayi.

10. URam wazala uAminadabhi; uAminadabhi wazala uNashon, inkulu yoonyana bakaYuda.

11. UNashon wazala uSalima;

12. uSalima wazala uBhohazi; uBhohazi wazala uObhede; uObhede wazala uYese.

13. UYese wazala uEliyabhi, amazibulo akhe, noAbhinadabhi owesibini, noShama owesithathu,

14. noNataniyeli owesiné, noRadayi owesihlanu,

15. no-Otsem owesithandathu, noDavide owesixhenxe.

16. Oodade babo baye bengooTseruya noAbhigali. Oonyana bakaTseruya nguAbhishayi, noYowabhi, noAsaheli; bathathu.

17. UAbhigali wazala uAmasa; uyise ka-Amasa ebenguYetere, umIshmayeli.

18. UKalebhi, unyana kaHetseron, wazala ngoAzubha umkakhe nangoYerihoti. Ngabo aba oonyana bakhe: uYeshere, noShobhabhi, noArdon.

19. Wafa uAzubha; uKalebhi wazeka uEfrata; wamzalela uHuri.

20. UHuri wazala u-Uri, u-Uri wazala uBhetsaleli.

21. Emveni koko wayingena uHetseron intombi kaMakire, uyise kaGiliyadi, wayizeka eminyaka imashumi mathandathu ezelwe; yamzalela uSegubhi.

22. USegubhi wazala uYahire; wayenemizi engamashumi amabini anamithathu ezweni laseGiliyadi.

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 2