46. UEfa, ishweshwe likaKalebhi, wazala uHaran, noMotsa, noGazeze; uHaran wazala uGazeze.
47. Oonyana bakaYadayi nguRegem, noYotam noGeshan, noPelete, noEfa, noShahafe.
48. UMahaka, ishweshwe likaKalebhi, wazala uShebhere, noTir-hana;
49. wazala noShahafe, uyise wabaseMademana, noSheva uyise wabaseMakebhena, noyise wabaseGibheha; intombi kaKalebhi ibinguAkesa.
50. Ngabo aba oonyana bakaKalebhi: ngoonyana bakaHuri, amazibulo kaEfrata; uShobhali ozala amaKiriyatiyeharim; uSalima,
51. uyise wabaseBhetelehem; uHarefe, uyise wabaseBhete-gadere.
52. UShobhali, uyise wabaseKiriyati-yeharim, ebenoonyana: uHarowe, noHatsihamenukoti.
53. Imizalwane yaseKiriyati-yeharim ngamaItri, namaPuti, namaShumati, namaMisherayi. Baphuma kuyo abaseTsorati, namaEshtawoli.