Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 2:40-54 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

40. uElasa wazala uSisamayi;

41. uSisamayi wazala uShalum; uShalum wazala uYekamiya; uYekamiya wazala uElishama.

42. Oonyana bakaKalebhi, umkhuluwa kaYerameli, nguMesha amazibulo akhe, obenguyise wabaseZifi, noonyana bakaMaresha, uyise kaHebron.

43. Oonyana bakaHebron nguKora, noTapuwa, noRekem, noShema.

44. UShema wazala uRaham, uyise kaYorkeham; uRekemwazala uShamayi.

45. Unyana kaShamayi nguMahon; uMahon nguyise wabaseBhete-tsure.

46. UEfa, ishweshwe likaKalebhi, wazala uHaran, noMotsa, noGazeze; uHaran wazala uGazeze.

47. Oonyana bakaYadayi nguRegem, noYotam noGeshan, noPelete, noEfa, noShahafe.

48. UMahaka, ishweshwe likaKalebhi, wazala uShebhere, noTir-hana;

49. wazala noShahafe, uyise wabaseMademana, noSheva uyise wabaseMakebhena, noyise wabaseGibheha; intombi kaKalebhi ibinguAkesa.

50. Ngabo aba oonyana bakaKalebhi: ngoonyana bakaHuri, amazibulo kaEfrata; uShobhali ozala amaKiriyatiyeharim; uSalima,

51. uyise wabaseBhetelehem; uHarefe, uyise wabaseBhete-gadere.

52. UShobhali, uyise wabaseKiriyati-yeharim, ebenoonyana: uHarowe, noHatsihamenukoti.

53. Imizalwane yaseKiriyati-yeharim ngamaItri, namaPuti, namaShumati, namaMisherayi. Baphuma kuyo abaseTsorati, namaEshtawoli.

54. Oonyana bakaSalima ngabaseBhetelehem, nabaseNetofa, abaseAteroti yendlu kaYowabhi, nabaseHazi-hamanati, nabaseTsora.

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 2