Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 2:38-48 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

38. uObhede wazala uYehu; uYehu wazala uAzariya;

39. uAzariya wazala uHeletse; uHeletse wazala uElasa;

40. uElasa wazala uSisamayi;

41. uSisamayi wazala uShalum; uShalum wazala uYekamiya; uYekamiya wazala uElishama.

42. Oonyana bakaKalebhi, umkhuluwa kaYerameli, nguMesha amazibulo akhe, obenguyise wabaseZifi, noonyana bakaMaresha, uyise kaHebron.

43. Oonyana bakaHebron nguKora, noTapuwa, noRekem, noShema.

44. UShema wazala uRaham, uyise kaYorkeham; uRekemwazala uShamayi.

45. Unyana kaShamayi nguMahon; uMahon nguyise wabaseBhete-tsure.

46. UEfa, ishweshwe likaKalebhi, wazala uHaran, noMotsa, noGazeze; uHaran wazala uGazeze.

47. Oonyana bakaYadayi nguRegem, noYotam noGeshan, noPelete, noEfa, noShahafe.

48. UMahaka, ishweshwe likaKalebhi, wazala uShebhere, noTir-hana;

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 2