Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 2:10-28 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. URam wazala uAminadabhi; uAminadabhi wazala uNashon, inkulu yoonyana bakaYuda.

11. UNashon wazala uSalima;

12. uSalima wazala uBhohazi; uBhohazi wazala uObhede; uObhede wazala uYese.

13. UYese wazala uEliyabhi, amazibulo akhe, noAbhinadabhi owesibini, noShama owesithathu,

14. noNataniyeli owesiné, noRadayi owesihlanu,

15. no-Otsem owesithandathu, noDavide owesixhenxe.

16. Oodade babo baye bengooTseruya noAbhigali. Oonyana bakaTseruya nguAbhishayi, noYowabhi, noAsaheli; bathathu.

17. UAbhigali wazala uAmasa; uyise ka-Amasa ebenguYetere, umIshmayeli.

18. UKalebhi, unyana kaHetseron, wazala ngoAzubha umkakhe nangoYerihoti. Ngabo aba oonyana bakhe: uYeshere, noShobhabhi, noArdon.

19. Wafa uAzubha; uKalebhi wazeka uEfrata; wamzalela uHuri.

20. UHuri wazala u-Uri, u-Uri wazala uBhetsaleli.

21. Emveni koko wayingena uHetseron intombi kaMakire, uyise kaGiliyadi, wayizeka eminyaka imashumi mathandathu ezelwe; yamzalela uSegubhi.

22. USegubhi wazala uYahire; wayenemizi engamashumi amabini anamithathu ezweni laseGiliyadi.

23. UGeshuri noAram bathabatha kubo iHavoti-yahire, neKenati, namagxamesi ayo: imizi engamashumi omathandathu. Bonke aba babengoonyana bakaMakire, uyise kaGiliyadi.

24. Emva kokufa kukaHetseron kwaKalebhi yakwaEfrata, umkaHetseron, uAbhiya, wamzalela uAsuri, uyise ozala amaTekowa.

25. Oonyana bakaYerameli, amazibulo kaHetseron, babengooRam amazibulo akhe, noBhuna, no-Oren, no-Otsem, noAhiya.

26. UYerameli ebenomnye umfazi, igama lakhe linguAtara; ubengunina kaOnam.

27. Oonyana bakaRam, amazibulo kaYerameli, babenguMahatse, noYamin, noEkere.

28. Oonyana bakaOnam babenguShamayi, noYada. Oonyana bakaShamayi nguNadabhi, noAbhishure.

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 2