Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 2:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ngabo aba oonyana bakaSirayeli: nguRubhen, noSimon, noLevi, noYuda,

2. noIsakare, noZebhulon, noDan, noYosefu, noBhenjamin, noNafetali, noGadi, noAshere.

3. Oonyana bakaYuda nguEre, no-Onan, noShela. Abo bathathu wabazalelwa yintombi kaShuwa, umKananekazi. Ke uEre, amazibulo kaYuda, ebenobubi emehlweni kaYehova; wambulala.

4. UTamare, umolokazana wakhe, wamzalela uPeretse noZera. Bebonke oonyana bakaYuda bahlanu.

5. Oonyana bakaPeretse nguHetseron, noHamuli.

6. Oonyana bakaZera nguZimri, noEtan, noHaman, noKalekole, noDara; bebonke bahlanu.

7. Oonyana bakaKarmi nguAkare, owawahlisela ishwangusha amaSirayeli, wenza ubumenemene entweni esingelwe phantsi.

8. Oonyana bakaEtan nguAzariya.

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 2