Baziqeshela amashumi amathathu anamabini amawaka eenqwelo zokulwa, nokumkani waseMahaka, nabantu bakhe; beza ke bamisa iintente phambi kweMedebha. Oonyana baka-Amon bahlanganisana, bephuma emizini yabo, beza kulwa.