Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 17:21-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

21. Luluphi na uhlanga ehlabathini apha, olunjengabantu bakho amaSirayeli; awaya kuzikhululela lona uThixo, ukuba lube ngabantu, ukuba akumisele igama ngezenzo ezikhulu nezoyikekayo, ngokugxotha iintlanga phambi kwabantu bakho owabakhululayo eYiputa?

22. Wabenza abantu bakho amaSirayeli baba ngabantu kuwe, kude kuse ephakadeni; wena, Yehova, waba nguThixo kubo.

23. Kaloku, Yehova, ilizwi olithethileyo ngomkhonzi wakho, nangendlu yakhe, malibe yinyaniso kude kuse ephakadeni, wénze njengoko uthethileyo;

24. libe yinyaniso, likhule igama lakho kude kuse ephakadeni, kusithiwa, UYehova wemikhosi, uThixo wamaSirayeli, nguThixo kuSirayeli; indlu kaDavide, umkhonzi wakho, iqinile phambi kwakho.

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 17