Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 17:2-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Wathi uNatan kuDavide, Konke okusentliziyweni yakho, kwenze, ngokuba uThixo unawe.

3. Kwathi ngobo busuku lafika ilizwi likaThixo kuNatan, lisithi,

4. Hamba uye kuthi kuDavide umkhonzi wam, Útsho uYehova ukuthi, Wena akusayi kundakhela ndlu yakuhlala.

5. Ngokuba andihlalanga ndlwini, kususela kulaa mini ndawanyusayo ngayo amaSirayeli, unanamhla; ke ndisuka ententeni ndiye ententeni, ndisuke emnqubeni ndiye emnqubeni.

6. Ekuhambeni konke, endakuhamba-hambayo namaSirayeli onke, khe ndathetha izwi na nakumnye kubagwebi bakwaSirayeli, endabawisela umthetho wokwalúsa abantu bam, lokuthi, Yini na ukuba ningàndakheli ndlu yamisedare?

7. Ke ngoko wótsho kuDavide umkhonzi wam, ukuthi, Útsho uYehova wemikhosi, ukuthi, Ndákuthabatha edlelweni mna, ekulandeleni impahla emfutshane, ukuba ube yingànga yabantu bam amaSirayeli.

8. Ndaba nawe kuko konke owahamba kuko, ndazinqumla zonke iintshaba zakho ebusweni bakho, ndakwenzela igama njengegama labakhulu abasehlabathini.

9. Ndiya kubamisela indawo abantu bam amaSirayeli, ndibatyale, beme emanxuweni abo, bangabi sagungqa; oonyana bobutshijolo bangàbuyi babonákalise, njengamhla mnene;

10. kususela kulaa mini ndabamisela abantu bam amaSirayeli abagwebi, ndazithoba zonke iintshaba zakho. Ke ndiyakuxelela ukuba uYehova uya kukwakhela indlu.

11. Kothi, xa ithe yazaliseka imihla yakho yokuba uye kooyihlo, ndiyiphakamise emva kwakho imbewu yakhe, eya kuvela koonyana bakho, ndibuzinzise ukukumkani bakhe.

12. Nguye oya kundakhela indlu, ndiyizinzise itrone yakhe, kude kuse ephakadeni.

13. Mna ndiya kuba nguyise kuye, yena abe ngunyana kum. Inceba yam andiyi kuyisusa kuye, njengoko ndayisusayo kowayengaphambi kwakho.

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 17