Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 17:1-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku kwathi, xa ahleliyo uDavide endlwini yakhe, wathi uDavide kuNatan umprofeti, Uyabona, mna ndihleli endlwini yemisedare;* ke yona ityeya yomnqophiso kaYehova iphantsi kwamalengalenga.

2. Wathi uNatan kuDavide, Konke okusentliziyweni yakho, kwenze, ngokuba uThixo unawe.

3. Kwathi ngobo busuku lafika ilizwi likaThixo kuNatan, lisithi,

4. Hamba uye kuthi kuDavide umkhonzi wam, Útsho uYehova ukuthi, Wena akusayi kundakhela ndlu yakuhlala.

5. Ngokuba andihlalanga ndlwini, kususela kulaa mini ndawanyusayo ngayo amaSirayeli, unanamhla; ke ndisuka ententeni ndiye ententeni, ndisuke emnqubeni ndiye emnqubeni.

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 17