Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 16:40-43 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

40. ukuba banyuse amadini anyukayo kuYehova esibingelelweni sedini elinyukayo amaxesha onke, kusasa nangokuhlwa, njengako konke okubhaliweyo emyalelweni kaYehova, awawumisela amaSirayeli.

41. Babenabo ooHeman noYedutun, nabanye abanyulwa, abo babekhankanywe ngamagama, ukuba babulele kuYehova, ngokuba ingunaphakade inceba yakhe;

42. benooHeman noYedutun, benamaxilongo, namacangci, abo benza isandi beneempahla zokuvuma zikaThixo; oonyana bakaYedutun bengabamasango.

43. Bahamba bonke abantu, elowo waya endlwini yakhe; wabuya ke uDavide, weza kusikelela indlu yakhe.

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 16