Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 16:35-42 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

35. Yithini, Sisindise, Thixo osisindisayo,Usibuthe, usihlangule ezintlangeni,Ukuze sibulele igama lakho elingcwele,Sizingce ngendumiso yakho.

36. Makabongwe uYehova, uThixo kaSirayeli,Kususela kwaphakade, kude kuse ephakadeni!Bathi ke bonke abantu, Amen, bamdumisa uYehova.

37. Wabashiya apho phambi kwetyeya yomnqophiso kaYehova ooAsafu nabazalwana bakhe, ukuba balugiselele phambi kwetyeya ngamaxesha onke, ngokwento yemini ngangemini yayo;

38. noo-Obhedi-edom nabazalwana babo, bemashumi mathandathu anesibhozo; uObhedi-edom, unyana kaYedutun, noHosa bengabamasango.

39. UTsadoki umbingeleli, nabazalwana bakhe abangababingeleli, babephambi komnquba kaYehova esigangeni esiseGibheyon,

40. ukuba banyuse amadini anyukayo kuYehova esibingelelweni sedini elinyukayo amaxesha onke, kusasa nangokuhlwa, njengako konke okubhaliweyo emyalelweni kaYehova, awawumisela amaSirayeli.

41. Babenabo ooHeman noYedutun, nabanye abanyulwa, abo babekhankanywe ngamagama, ukuba babulele kuYehova, ngokuba ingunaphakade inceba yakhe;

42. benooHeman noYedutun, benamaxilongo, namacangci, abo benza isandi beneempahla zokuvuma zikaThixo; oonyana bakaYedutun bengabamasango.

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 16