Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 16:18-28 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. Esithi, Ndikunika ilizwe lakwaKanan,Libe licandelo lelifa lenu,

19. Nisengamadoda ambalwa,Nibancinane, ningábaphambukeli kulo.

20. Báhamba besuka kolunye uhlanga, baye kolunye uhlanga;Besuka kobunye ubukumkani, baye kwabanye abantu.

21. Àkavumela mntu ukuba abacudise,Wohlwaya ookumkani ngenxa yabo,

22. Esithi, Musani ukubachukumisa abathanjiswa bam,Musani ukubaphatha kakubi abaprofeti bam.

23. Vumani kuYehova, nonke hlabathi,Shumayelani iindaba ezilungileyo zosindiso lwakhe iimini ngeemini.

24. Balisani ezintlangeni zonke uzuko lwakhe,Balisani ezizweni zonke imisebenzi yakhe ebalulekileyo.

25. Ngokuba mkhulu uYehova, engowokudunyiswa kunene;Uyoyikeka ngaphezu koothixo bonke,

26. Ngokuba bonke oothixo bezizwe àbanto zanto;UYehova yena wenza amazulu.

27. Yindili nobungangamela phambi kwakhe,Ngamandla novuyo endaweni yakhe engcwele.

28. Mnikeni uYehova, nina mizalwane yezizwe,Mnikeni uYehova uzuko namandla.

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 16