10. Qhayisani ngegama lakhe elingcwele,Mayivuye intliziyo yabamngxameleyo uYehova.
11. Mfuneni uYehova namandla akhe,Ngxamelani ubuso bakhe ngamaxesha onke.
12. Khumbulani imisebenzi yakhe ebalulekileyo, awayenzayo,Izimanga zakhe nezigwebo zomlomo wakhe,
13. Mbewu kaSirayeli, yomkhonzi wakhe,Nyana bakaYakobi, banyulwa bakhe.
14. NguYehova, nguThixo wethu yena;Zisehlabathini lonke izigwebo zakhe.
15. Khumbulani ngonaphakade umnqophiso wakhe,Ilizwi awalimisela izizukulwana eziliwaka,
16. Awanqophisana ngalo noAbraham;Nokufunga kwakhe kuIsake;
17. Nokumisa kwakhe ukuba kube ngummiselo kuYakobi,Kube ngumnqophiso ongunaphakade kuSirayeli;