Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 16:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Bayingenisa ityeya kaThixo, bayimisa esazulwini sentente abeyimisele yona uDavide; basondeza amadini anyukayo, nemibingelelo yoxolo, phambi koThixo.

2. Wagqiba ke uDavide ukunyusa amadini anyukayo, nemibingelelo yoxolo, wabasikelela abantu egameni likaYehova.

3. Wababela bonke abantu bakwaSirayeli, ethabathela kwindoda wesa nakumfazi; elowo wamnika intenda yesonka, nomlinganiso wewayini, nesicumba seerasintyisi.

4. Wamisa phambi kwetyeya kaYehova abalungiseleli kubaLevi, ukuba bakhumbuze, babulele, badumise uYehova uThixo kaSirayeli.

5. YanguAsafu intloko, yanguZekariya emva kwakhe, noYehiyeli, noShemiramoti, noYehiyeli, noMatitiya, noEliyabhi, noBhenaya, no-Obhedi-edom, noYahaziyeli, ngeempahla zemirhubhe nangeehadi; uAsafu wenza isandi ngamacangci.

6. OoBhenaya noYahaziyeli ababingeleli benza isandi ngamaxilongo ngamaxesha onke, phambi kwetyeya yomnqophiso kaThixo.

7. Waza ngaloo mini uDavide wabamisela kuqala ooAsafu nabazalwana bakhe ukubulela kuYehova:

8. Bulelani kuYehova, nqulani igama lakhe,Yazisani ezizweni izenzo zakhe ezincamisileyo.

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 16