Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 14:4-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Ngawo la amagama abantwana awabazuzayo eYerusalem: uShamuwa, noShobhabhi, noNatan, noSolomon,

5. noIbhehare, noElishuwa, noElipelete,

6. noNoga, noNefege, noYafiya,

7. noElishama, noBheleyada, noElifelete.

8. Athi ke amaFilisti, akuva ukuba uthanjiswe uDavide, waba ngukumkani kumaSirayeli onke, enyuka onke amaFilisti, aya kumfuna uDavide. Weva uDavide, waphuma waya kuwahlangabeza.

9. AmaFilisti eza athi dwe entilini yamaRafa.

10. Wabuza uDavide kuThixo, wathi, Ndinyuke na ndiye kumaFilisti? Wòwanikela na esandleni sam? Wathi uYehova kuye, Nyuka, ndowanikela esandleni sakho.

11. Benyuka baya eBhahali-peratsim,* wawabulalela khona uDavide. Wathi uDavide, UThixo uzityhobozele iintshaba zam ngesandla sam, njengokutyhoboza kwamanzi; ngenxa yoko bathi igama laloo ndawo yiBhahali-peratsim.

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 14