Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 14:1-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku uHiram, ukumkani waseTire, wathuma abathunywa kuDavide, nemisedare,* neengcibi zeendonga, neengcibi zemithi, ukumakhela indlu.

2. Wazi uDavide ukuba uYehova umqinisile waba ngukumkani wamaSirayeli; baphakanyiselwa phezulu ubukumkani bakhe ngenxa yabantu bakhe amaSirayeli.

3. UDavide wabuya wazeka abanye abafazi eYerusalem; uDavide wabuya wazala abanye oonyana neentombi.

4. Ngawo la amagama abantwana awabazuzayo eYerusalem: uShamuwa, noShobhabhi, noNatan, noSolomon,

5. noIbhehare, noElishuwa, noElipelete,

6. noNoga, noNefege, noYafiya,

7. noElishama, noBheleyada, noElifelete.

8. Athi ke amaFilisti, akuva ukuba uthanjiswe uDavide, waba ngukumkani kumaSirayeli onke, enyuka onke amaFilisti, aya kumfuna uDavide. Weva uDavide, waphuma waya kuwahlangabeza.

9. AmaFilisti eza athi dwe entilini yamaRafa.

10. Wabuza uDavide kuThixo, wathi, Ndinyuke na ndiye kumaFilisti? Wòwanikela na esandleni sam? Wathi uYehova kuye, Nyuka, ndowanikela esandleni sakho.

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 14