Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 13:4-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Lathi lonke ibandla, Makwenjiwe njalo; ngokuba lalilungile elo zwi emehlweni abantu bonke.

5. Wawabizela ndawonye ke uDavide onke amaSirayeli, wathabathela eShihore yaseYiputa, wada wasa ekungeneni eHamati, ukuba ayithabathe ityeya kaThixo eKiriyati-yeharim.

6. Wenyuka uDavide namaSirayeli onke, waya eBhahala, eyiKiriyati-yeharim eyakwaYuda, ukuba ayinyuse apho ityeya kaThixo onguYehova, onguHleli-ezikerubhini,* igama lokunqulwa kwakhe.

7. Bayikhwelisa ityeya kaThixo enqwelweni entsha, ukuphuma endlwini ka-Abhinadabhi; u-Uza noAhiyo bayiqhuba inqwelo.

8. UDavide namaSirayeli onke baqamba phambi koYehova ngamandla onke, ngeengoma, nangeehadi, nangemirhubhe, nangeengqongqo, nangamacangci nangamaxilogo.

9. Baya bafika esandéni sikaKidon; u-Uza wasa isandla sakhe, wayibamba ityeya; ngokuba iinkomo beziyigungqisa.

10. Wavutha umsindo kaYehova ku-Uza, wambetha ngenxa enokuba wasa isandla sakhe etyeyeni; wafela khona phambi koThixo.

11. Kwavutha umsindo kuDavide, ngokuba uYehova emtyhobozele ngotyhobozo u-Uza; wathi loo ndawo yiPeretse-uza,* unanamhla.

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 13