Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 13:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Wacebisana uDavide nabathetheli bamawaka nabamakhulu, iingànga zonke.

2. Wathi uDavide kwibandla lonke lakwaSirayeli, Ukuba kulungile kuni, ukuba kuvela kuYehova uThixo wethu, masiphange, sithumele kubazalwana bethu abaseleyo emazweni onke akwaSirayeli, kunye nabo ke sithumele kubabingeleli nabaLevi abasemizini yamadlelo abo, ukuba babuthelane kuthi;

3. siyiguqulele kuthi ityeya kaThixo wethu; ngokuba asibuzisanga kuyo ngeemini zikaSawule.

4. Lathi lonke ibandla, Makwenjiwe njalo; ngokuba lalilungile elo zwi emehlweni abantu bonke.

5. Wawabizela ndawonye ke uDavide onke amaSirayeli, wathabathela eShihore yaseYiputa, wada wasa ekungeneni eHamati, ukuba ayithabathe ityeya kaThixo eKiriyati-yeharim.

6. Wenyuka uDavide namaSirayeli onke, waya eBhahala, eyiKiriyati-yeharim eyakwaYuda, ukuba ayinyuse apho ityeya kaThixo onguYehova, onguHleli-ezikerubhini,* igama lokunqulwa kwakhe.

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 13