Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 12:28-40 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

28. UTsadoki, indodana eligorha elinobukroti, nendlu kayise, ngabathetheli abamashumi mabini anababini.

29. Koonyana bakaBhenjamin, abazalwana bakaSawule, ngamawaka amathathu; kwada kwaba ngoku uninzi Iwabo lugcina isigxina sendlu kaSawule.

30. Koonyana bakaEfrayim ngamawaka amashumi mabini, anamakhulu asibhozo amagorha anobukroti, amadoda anegama ezindlwini zooyise.

31. Kwisiqingatha sesizwe sakwaManase lishumi elinesibhozo lamawaka, ababalulwa ngamagama, ukuba baye kumenza ukumkani uDavide.

32. Koonyana bakaIsakare, abawaziyo abawaqondayo amaxesha, ukwazela ange ekwenza amaSirayeli, babengamakhulu amabini, iintloko zabo. Bonke abazalwana babo benza ngokomlomo wabo.

33. KwaZebhulon, abaphuma umkhosi, abaxhobela ukulwa, beneentonga zonke zemfazwe, ngamashumi omahlanu amawaka, behlohla uluhlu, bengenazintliziyo zimbaxa.

34. KwaNafetali, yaba ngabathetheli abaliwaka, benamashumi amathathu anesixhenxe amawaka, aphethe amakhaka neentshuntshe.

35. KwaDan, abaxhobele imfazwe yangamashumi amabini anesibhozo amawaka, anamakhulu mathandathu.

36. Kwa-Ashere, abaphuma umkhosi, bexhobele ukulwa, yangamashumi omané amawaka.

37. Phesheya kweYordan, kwaRubhen nakwaGadi, nakwisiqingatha sesizwe sakwaManase, beneentonga zonke zomkhosi wokulwa, yalikhulu elinamanci mabini amawaka.

38. Onke loo madoda okulwa ahlohla uluhlu, aya enentliziyo ephelelisekileyo eHebron, ukuba amenze ukumkani uDavide kumaSirayeli onke. Kananjalo namanye amaSirayeli onke ayenantliziyo-nye yokumenza ukumkani uDavide.

39. AyenoDavide apho iintsuku ezintathu, esidla esela; ngokuba abazalwana bawo baye bewalungiselele.

40. Kananjalo abakufuphi nabo, kwada kwesa kwaIsakare, nakwaZebhulon, nakwaNafetali, bazisa izonka ngamaesile, nangeenkamela, nangoondlebende, nangamaqegu, ukudla okungumgubo, nezicumba zamakhiwane nezeerasintyisi, newayini, neoli, neenkomo, nempahla emfutshane, into eninzi; ngokuba bekuvuywa kwaSirayeli.

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 12