Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 11:22-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

22. UBhenaya unyana kaYoyada, unyana wendoda enobukroti yaseKabhetseli, ezenzo zininzi, yena wabulala iingwanyalala ezimbini zakwaMowabhi; yena wehla, wabulala ingonyama emhadini phakathi, mhla ngekhephu.

23. Yena wabulala indoda engumYiputa, indoda enewonga, ekubhite* zintlanu; umYiputa lowo ephethe intshuntshe enjengomthi wabaluki beengubo. Wehla ke waya kuyo ephethe intonga, wayihlutha intshuntshe esandleni somYiputa lowo, wambulala kwangentshuntshe yakhe.

24. Wenza ezo zinto uBhenaya unyana kaYoyada; waba negama ke kwisithathu eso samagorha.

25. Yabona, wayezukile yena kunamashumi amathathu lawo; kodwa àkafika kwamathathu lawa. UDavide wammisa ephakathini lakhe.

26. Amagorha anobukroti ayengooAsaheli, umninawa kaYowabhi; uElihanan, unyana kaDodo, waseBhetelehem;

27. uShamoti waseHarodi; uHeletse umPelon;

28. uIra unyana kaIkeshe, waseTekowa; uAbhihezere waseAnatoti;

29. uSibhekayi umHusha;

30. uIlayi umAhowa; uMaharayi waseNetofa; uHelede unyana kaBhahana, waseNetofa;

31. uItayi unyana kaRibhayi, waseGibheha yoonyana bakaBhenjamin; uBhenaya wasePiraton;

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 11