Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 11:20-33 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

20. UAbhishayi, umninawa kaYowabhi, yena waye eyintloko yamathathu. Yena wathi rhuthu intshuntshe yakhe kumakhulu amathathu, wabinza. Waba negama ke kulawo mathathu.

21. Kulawo mathathu wayezukile kunamabini, waba ngumthetheli wawo ke; àkafika kodwa kulawa mathathu.

22. UBhenaya unyana kaYoyada, unyana wendoda enobukroti yaseKabhetseli, ezenzo zininzi, yena wabulala iingwanyalala ezimbini zakwaMowabhi; yena wehla, wabulala ingonyama emhadini phakathi, mhla ngekhephu.

23. Yena wabulala indoda engumYiputa, indoda enewonga, ekubhite* zintlanu; umYiputa lowo ephethe intshuntshe enjengomthi wabaluki beengubo. Wehla ke waya kuyo ephethe intonga, wayihlutha intshuntshe esandleni somYiputa lowo, wambulala kwangentshuntshe yakhe.

24. Wenza ezo zinto uBhenaya unyana kaYoyada; waba negama ke kwisithathu eso samagorha.

25. Yabona, wayezukile yena kunamashumi amathathu lawo; kodwa àkafika kwamathathu lawa. UDavide wammisa ephakathini lakhe.

26. Amagorha anobukroti ayengooAsaheli, umninawa kaYowabhi; uElihanan, unyana kaDodo, waseBhetelehem;

27. uShamoti waseHarodi; uHeletse umPelon;

28. uIra unyana kaIkeshe, waseTekowa; uAbhihezere waseAnatoti;

29. uSibhekayi umHusha;

30. uIlayi umAhowa; uMaharayi waseNetofa; uHelede unyana kaBhahana, waseNetofa;

31. uItayi unyana kaRibhayi, waseGibheha yoonyana bakaBhenjamin; uBhenaya wasePiraton;

32. uHurayi wasezihlanjeni zaseGahashe;

33. uAbhiyeli waseArabha; uAzemavete waseBhaharum; uEliyabha waseShahalebhon;

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 11