Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 11:17-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Wanqwena uDavide wathi, Akwaba, bethu, bendingasezwa amanzi equla laseBhetelehem elisesangweni!

18. Atyhudisa empini yamaFilisti amadoda amathathu lawo, akha amanzi equleni laseBhetelehem elisesangweni, awathwala awazisa kuDavide. Akavuma ke uDavide ukuwasela; wawathululela phantsi, phambi koYehova, wathi,

19. Makube lee kum, Thixo wam, ukwenza oko. Igazi lala madoda, eliyimiphefumlo yawo, ndolisela yini na? ngokuba awazisa encamé imiphefumlo yawo. Akavuma ke ukuwasela. Enza ezo zinto amagorha lawo mathathu.

20. UAbhishayi, umninawa kaYowabhi, yena waye eyintloko yamathathu. Yena wathi rhuthu intshuntshe yakhe kumakhulu amathathu, wabinza. Waba negama ke kulawo mathathu.

21. Kulawo mathathu wayezukile kunamabini, waba ngumthetheli wawo ke; àkafika kodwa kulawa mathathu.

22. UBhenaya unyana kaYoyada, unyana wendoda enobukroti yaseKabhetseli, ezenzo zininzi, yena wabulala iingwanyalala ezimbini zakwaMowabhi; yena wehla, wabulala ingonyama emhadini phakathi, mhla ngekhephu.

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 11